Skip to main content
21 September 2026

YIBA NENXAXHEBA KWISICWANGCISO ESIDITYANISIWEYO SOPHUHLISO

UMasipala waseLangeberg umema bonke abahlali, uluntu kunye nabo bonke ababandakanyekayo ukuba bathathe inxaxheba ekubumbeni ikamva lethu. Ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga EyoMsintsi ukuya kowamashumi amathathu ananye kwinyanga EyeDwarha 2026, uya kuba nethuba lokwabelana ngezimvo kunye nezinto ezibalulekileyo kuwe malunga neSicwangciso esiDityanisiweyo soPhuhliso – isicwangciso esikhokela indlela esicwangcisa ngayo iinkonzo, iziseko zophuhliso kunye neenkqubo zophuhliso kulo lonke elaseLangeberg.

Wena ulazi kakuhle ikhaya lakho noluntu lwakho. Ubona imingeni yonke imihla. Igalelo lakho libalulekile.

Ukwenza kube lula ukuthatha inxaxheba – Yabelana ngezimvo zakho kwiqonga lobuxhaka-xhaka
Senze kwaba lula kunangaphambili ukuba uveze uluvo lwakho. Ngexesha lokuthatha inxaxheba, ungathumela iingcebiso zakho ngaphandle kokuya kwintlanganiso. Sebenzisa nayiphi na kwezi ndlela:

• Uvavanyo olwenziwa kwiqonga lobuxhaka-xhaka likaMasipala: https://tinyurl.com/bddtyfeb
• Iphepha lokufaka isicelo yoqhagamshelwano kweqonga lobuxhaka-xhaka likaMasipala: https://www.langeberg.gov.za/contact-us.html
• I-posi yobuxhaka-xhaka: This email address is being protected from spambots. You need JavaScript enabled to view it.
WhatsApp: 065 211 7822
• Sithumele umyalezo kuFacebook: https://www.facebook.com/profile.php?id=100064487810624
• Sithumele umyalezo kuInstagram: https://www.instagram.com/langebergmunicipality/
• Sithumele umyalezo kuX (Twitter): https://x.com/Langeberg_Muni
• Phendula kuyo nayiphi na iSMS kaLangeberg (R1,50 ngeSMS)
• USodolophu weWadi yakho okanye iLungu leKomiti yeWadi

Siza kwabelana ngezikhumbuzo kunye namakhonkco kwiindlela zethu zonxibelelwano ukuze uhlale unolwazi.

Awunayo indlela yokufikelela kumaqonga lobuxhaka-xhaka? Akukho ngxaki.
Asinguye wonke umntu onokufikelela kwizixhobo, kwidatha yezobuchwepheshe okanye onokukwazi ukubhala. Oko akuthethi ukuba ushiywe ngaphandle. Ndwendwela i-ofisi kaMasipala ekufutshane nawe ngexesha lokuthatha inxaxheba, kwaye abasebenzi bethu baya kukuvuyela ukukunceda ukuba ubhale phantsi uze uthumele iingcebiso zakho.

Wonke umhlali unelungelo lokuba ilizwi lakhe livakale.

Yintoni endifanele ndiyifake?
Xa uthumela izimvo zakho, zenze zicace kwaye zingqale. Sixelele:

• Phi – idolophu yakho, iwadi, isitalato okanye indawo.
• Yintoni efunekayo – chaza ingxaki okanye eyona nto ibalulekileyo.
• Ngubani ochaphazelekayo – isitalato, indawo yokuhlala, umbutho okanye iwadi ngokubanzi.
• Yintoni oyicebisayo – cebisa uphuculo okanye inkqubo ongathanda ukuba iqwalaselwe.

Imizekelo ibandakanya:
• Ukuphuculwa kweendlela neenkqubo zokulawula amanzi ezikhukulisayo
• Iinkonzo zamanzi nezococeko
• Izibane zezitalato nombane
• Ulawulo lwenkunkuma kunye nokulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni
• Iipaki, izindlu kunye nezibonelelo zoluntu
• Ukhuseleko, ulutsha kunye neenkqubo zophuhliso
• Amanyathelo ophuhliso loqoqosho nokudala amathuba emisebenzi

Yiba ngqo. Endaweni yokuthi, “Iindlela zethu zimbi,” ungabhala uthi: “KwiWadi 1, eRobertson, itela ekwiChurch Street yonakele kwaye iya isihla. Oku kwenza kube nzima kwaye kube yingozi ukuqhuba kubahlali. Nceda ihlolwe le ndlela ukuze kulungiswe okanye kuphuculwe.”

Okukhona unika iinkcukacha, kokukhona kusiba lula kuthi ukuthatha amanyathelo.

Kwenzeka ntoni emva koko?
Onke amagalelo afunyenwe phakathi komhla wokuqala kwinyanga EyoMsintsi no kowamashumi amathathu ananye kwinyanga EyeDwarha 2026 aya kucalulwa aze aqwalaselwe kwinkqubo yeSicwangciso esiDityanisiweyo soPhuhliso. Ayizizo zonke iinkqubo ezinokuxhaswa ngemali ngoko nangoko – kufuneka siqwalasele izibonelelo ezikhoyo, uxanduva kunye nokuba inkqubo inokwenzeka na. Eminye imiba isenokuba phantsi koRhulumente wePhondo leNtshona Koloni okanye uRhulumente weSizwe, kwaye siya kusebenzisana nabo apho kuyimfuneko.

Eyona nto ibalulekileyo kukuqinisekisa ukuba iimfuno zoluntu lwakho ziyaviwa kwaye zifakwe kwi-nkqubo yocwangciso.

Igalelo kwi- Sicwangciso esiDityanisiweyo soPhuhliso okanye sisikhalazo ngenkonzo?
Khumbula:
• Igalelo kwi-Sicwangciso esiDityanisiweyo soPhuhliso lijonge kwikamva – limalunga nezinto eziphambili zophuhliso kunye nocwangciso lwexesha elide.
• Isikhalazo ngenkonzo simalunga nemiba ekufuneka ijongwe ngokukhawuleza, njengombhobho ogqabhukileyo, ukuphazamiseka kombane okanye ukungaqokelelwa kwenkunkuma. Le miba kufuneka isaxelwa ngeendlela eziqhelekileyo zikaMasipala zokucela iinkonzo – iZiko leminxeba elisebenza iiyure ezingamashumi amabini anesine.

Thatha inxaxheba ngendlela eyakhayo – Sincede sicwangcisele iLangeberg
Ukuthatha inxaxheba koluntu kusebenza kakuhle xa uluntu lusabelana ngezimvo ezakhayo, ezinokuphunyezwa nezijolise ekufumaneni izisombululo. Thetha nabamelwane bakho. Xoxa ngezinto ezibalulekileyo noSodolophu weWadi yakho kunye neKomiti yeWadi. Cinga ngezinto ezifunwa luluntu lwakho ngoku kunye nezinto ekufuneka zicwangciselwe ingomso.

Nokuba uhlala e Ashton, Bonnievale, McGregor, Montagu, Robertson okanye kwiindawo zethu ezisemaphandleni, eli lithuba lakho lokunceda ekubumbeni ikamva leLangeberg.

ILIZWI LAKHO. IWADI YAKHO. ILANGEBERG YAKHO.

Qhagamshelana. Thatha inxaxheba. Yenza ilizwi lakho livakale. Sincede sicwangcisele ikamva leLangeberg.

Share